Multilingualism case study booklet collaborators
Multilingualism case study booklet collaborators
Rhodes > Teaching and Learning > Latest News

UKWAZISWA KWEPROJEKTHI YEELWIMI EZININZI E-RU KUNYE NOKUQALISWA KWENCWADANA YEMIZEKELO EFAKA IILWIMI EZININZI KWIKHARITYHULAM: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NJENGOMTHOMBO WOKUFUNDISA NOKUFUNDA.

Date Released: Thu, 30 May 2024 14:00 +0200

Ngomhla wamashumi amabini anesine kweyeKhala, isiKolo seeLwimi noNcwadi siye sazisa iProjekthi yeelwimi ezininzi kunye nencwadana yemfundo yemizekelo edlulisela iilwimi ezininzi kwikharityhulam, kusetyenziswa ulwimi njengesibonelelo sokufunda nokufundisa. Iprojekthi  yeelwimi ezininzi ijolise ekukhuthazeni imeko-bume apho kusetyenziswa ulwimi olungaphezu kwesinye noluxabisekileyo. Umphathi-sihlalo nobengumququzeleli walo mnyadala, uSisonke Mawonga (wase-老虎机游戏_pt老虎机-平台*官网) uthe wazisa ngokubaluleka kokungabonelwa phantsi kweelwimi ezisetyenziswayo ngabafundi kule yunivesithi.  USekela-Ngqonyela uNjingalwazi Sizwe Mabizela wenze intetho yokwamkela kunye nentetho yokuvula, ekwaqulathe nenkcazo yeprojekthi yeelwimi ezininzi, uvakalise ukuba iprojekthi yeelwimi ezininzi ijolise ekukhuthazeni imeko-bume apho kusetyenziswa ulwimi olungaphezu kwesinye. Obu bubungqina bokuba idyunivesithi yaseRhodes ikulungele ukunxaxha kwaye ikunyevulele ukusetyenziswa kwesiNgesi njengalo lodwa ulwimi lokufunda nokufundisa, kwaye ibonise ukuba kungasetyenziswa nezinye iilwimi zaseMzantsi Afrika eziquka isiXhosa, isiZulu, kunye nezinye iilwimi.

Le ncwadana yemizekelo ebisaziswa ingentsebenziswano phakathi kwesihlalo se-NRF SARChI, iKomiti yoLwimi, iZiko leMfundo ePhakamileyo noQeqesho, ukuFunda nokuFundisa (老虎机游戏_pt老虎机-平台*官网), kunye nezifundiswa ezivela kwizifundo ezahlukeneyo zemfundo kwiDyunivesithi yaseRhodes. Umbono wokuba nencwadana equlathe imizekelo yokufundisa ngoolwimi-ninzi waqulunqwa kwinkomfa yemfundo yolwimi eyayibanjwe ngeyoMsintsi ngo-2022, apho kwakujoliswe ekwabelaneni ngeengcamango zokuphumeza iilwimi ezininzi kwiimeko zokufundisa nokufunda. Le nkomfa yayingumbono kaProf Dion Nkomo ongusiHlalo weNRF SARChI (Intellectualisation of African Languages, Multilingualism and Education). Kwintetho yakhe uProf Nkomo uthe wanika iinkcukacha ezithe vetshe ngalo mbono nokuba kunxulumene njani ukusetyenziswa koolwimi-ninzi kunye nokulandelwa koMgaqo-nkqubo wokusetyenziswa kweelwimi nobusandula kuhlaziywa ngomnyaka ka-2020. Uthe, izifundo-mizekeliso zibonelela ngezicwangciso zokuziqhelanisa nophuhliso lomgaqo-nkqubo wolwimi olukhokhelwayo kunye nokuphunyezwa kwalo. UNjingalwazi Bassey Antia nobesisithethi sembeko osuka kwiYunivesithi yaseNtshona Kapa (UWC) uvakalise ukuba, “Ukuba awuyongcali yolwimi ungasebenzisana nengcali yolwimi, kwaye ukuba awulwazi ulwimi lwasekuhlaleni ungasebenzisana nabafundi kunye noogxa bakho abaluqondayo ulwimi.” Kwintetho yakhe waye waphendula ngemiqobo ajongene nayo la masebe ahlukeneyo asebenzisana nesikolo seeLwimi noNcwadi, ekwenzeni iprojekthi yeelwimi ezininzi isebenze kwaye ancede ekuqulunqeni incwadana yemizekelo.

Amasebe ahlukeneyo kwiifakhalthi ezininzi kwiDyunivesithi yaseRhodes, adibanise izandla kwaye aqinisekisa ukuba iprojekthi yeelwimi ezininzi inceda abafundi ukuba baphucule izifundo zabo kwaye babe nolwazi oluphangaleleyo lwezifundo bengasebenzisi ulwimi lwasemzini kuphela kuloko besebenzisa nezabo iilwimi. Akuyomfihlo ukuba la maSebe ayenemingeni ngethuba eqalisa ukusebenzisa iprojekthi yeelwimi ezininzi, kodwa ngenxa yentsebenziswano phakathi kwabafundi abalwaziyo ulwimi kunye nala maSebe ikwazile ukuqhuba kude kube leli xesha. Isebe lezoPolitiko neeMfundo zamaZwe ngamaZwe liqale ukusebenzisa isiXhosa njengolwimi lokufunda nokufundisa ngo-2017, bakwazile ukuguqulela amaGqabantshintshi ezifundo abaleka kwishumi elinesibhozo ubuninzi, laze lavumela abafundi ukuba babhale izabelo zabo zokufunda ngeelwimi ezahlukeneyo. Oku kubuyela koko uNjingalwazi Bassey Antia akuthethileyo ukuba ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi akujongeli phantsi idyunivesithi kodwa kuyenza ukuba ikhuphisane kwinqanaba eliphezulu lamazwe ngamazwe ngeelwimi zaseMzantsi Afrika ezininzi. Amasebe amaninzi aquka iSebe lezoPolitiko neziFundo zamaZwe ngamaZwe, ubuNtatheli, iKhemesti, uMculo, iSayensi/ezeNzululwazi kunye neSebe lezoQoqosho ziye zasebenzisa isiXhosa njengolwimi lokuFunda nokuFundisa ukunceda abafundi bazabalazele okona kulungileyo kwiinkalo zabo ezikhethekileyo.

IYunivesithi yaseRhodes iyayixhasa iprojekthi yeelwimi ezininzi eyasungulwa sisiKolo seeLwimi noNcwadi ukwenza abafundi abaninzi baqhayise ngolwimi lwabo lwenkobe.

Source:Solethu Madzwila